1. Thixo, musa ukuthi cwaka,Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo.
2. Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela;Abakuthiyayo baphakamisa intloko.
3. Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho,Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.
4. Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga,Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.
5. Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,Benza umnqophiso ngawe:
6. Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,AmaMowabhi namaHagari,
7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;
8. Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)
9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.
10. Batshabalala e-Endore,Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.