1. UThixo umi ebandleni likaThixo,Ugweba phakathi koothixo; uthi,
2. Kunini na nigweba ngobugqwetha,Nibanonelela abangendawo? (Phakamisani.)
3. Thethani ityala losweleyo nelenkedama,Gwebelani olusizana nolihlwempu.
4. Sizani osweleyo nolihlwempu,Bahlanguleni esandleni sabangendawo.
5. Àbazi, abaqondi,Bahamba-hamba emnyameni;Ziyashukuma zonke iziseko zehlabathi.
6. Ndithe mna, Ningoothixo,Ningoonyana bOsenyangweni nonke niphela.