Iindumiso 81:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga,Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu.

4. Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli,Lisiko likaThixo kaYakobi.

5. Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu,Ekucadeni kwakhe ezweni laseYiputa;Ndeva intetho endingayaziyo.

6. Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe;Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala.

7. Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula;Ndakuphendula esitheni leendudumo,Ndakuvavanya emanzini aseMeribha.* (Phakamisani.)

8. Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!

9. Makungabikho thixo wasemzini kuwe;Unganquli thixo wolunye uhlanga.

10. Ndim uYehova uThixo wakho,Okunyusileyo elizweni laseYiputa.Yàkhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.

11. Ke abantu bam àbáliva izwi lam,USirayeli akandivumanga.

12. Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;Bahamba ngawabo amaqhinga.

Iindumiso 81