2. Hlabani ingoma, nibethe ingqongqo,Uhadi olumnandi, kunye nomrhubhe.
3. Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga,Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu.
4. Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli,Lisiko likaThixo kaYakobi.
5. Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu,Ekucadeni kwakhe ezweni laseYiputa;Ndeva intetho endingayaziyo.
6. Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe;Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala.
7. Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula;Ndakuphendula esitheni leendudumo,Ndakuvavanya emanzini aseMeribha.* (Phakamisani.)
8. Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!