1. Memelelani kuThixo, igwiba lethu,Dumani kuThixo kaYakobi.
2. Hlabani ingoma, nibethe ingqongqo,Uhadi olumnandi, kunye nomrhubhe.
3. Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga,Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu.
4. Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli,Lisiko likaThixo kaYakobi.
5. Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu,Ekucadeni kwakhe ezweni laseYiputa;Ndeva intetho endingayaziyo.