57. Babuya umva, banginiza njengooyise.Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.
58. Bamqumbisa ngezingánga zabo,Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.
59. Weva uThixo, waphuphuma umsindo,Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
60. Wawulahla umnquba waseShilo,Intente abeyimise esintwini;
61. Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe,Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.
62. Wabanikela abantu bakhe kwikrele,Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.
63. Amadodana abo adliwa ngumlilo,Iintombi zabo azagcotyelwa.
64. Ababingeleli babo bawa likrele,Abahlolokazi babo àbalila.
65. Yaza yavuka njengobelele iNkosi,Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.
66. Yababetha ngasemva ababandezeli bayo,Yabenza ingcikivo engunaphakade.
67. Yayicekisa intente yakwaYosefu,Àyasinyula isizwe sakwaEfrayim.
68. Yanyula isizwe sakwaYuda,Intaba yaseZiyon eyayithandayo.
69. Yayakha njengokuphakama kwezulu ingcwele yakhe,Njengomhlaba lo awusekileyo ngonaphakade.
70. Yanyula uDavide umkhonzi wayo,Yamthabatha ezibayeni zezimvu;
71. Yamthabatha elandela izimvu ezanyisayo,Yamzisa ukuba aluse kwaYakobi abantu bayo,KwaSirayeli ilifa layo.
72. Wabalúsa ke ngengqibelelo yentliziyo yakhe,Wabakhapha ngokwazi kwezandla zakhe.