Iindumiso 78:38-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Ke yena unemfesane,Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi;Wawubuyisa futhi umsindo wakhe,Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.

39. Wakhumbula ukuba bayinyama,Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.

40. Kukangaphi bemphikisa entlango,Bemenza buhlungu enkangala!

41. Babuya bamlinga uThixo,Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.

42. Àbasikhumbula isandla sakhe,Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;

43. Áwamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa,Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.

44. Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi,Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.

45. Wathumela kubo iingcongconi, zabadla;Namasele, abatshabalalisa.

46. Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo,Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.

Iindumiso 78