31. Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo,Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo,Wawawisa amadodana akwaSirayeli.
32. Kuyo yonke loo nto bahambisa ngokona,Àbakholwa yimisebenzi yakhe ebalulekileyo.
33. Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga,Neminyaka yabo ngokukhwankqisa.
34. Xa wathi wababulala, bamquqela;Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,
35. Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo,UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo.
36. Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo,Bamxokisa ngolwimi lwabo;
37. Intliziyo yabo ayaqina kuye,Àbanyaniseka emnqophisweni wakhe.
38. Ke yena unemfesane,Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi;Wawubuyisa futhi umsindo wakhe,Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.
39. Wakhumbula ukuba bayinyama,Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.
40. Kukangaphi bemphikisa entlango,Bemenza buhlungu enkangala!
41. Babuya bamlinga uThixo,Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.
42. Àbasikhumbula isandla sakhe,Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;
43. Áwamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa,Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.
44. Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi,Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.
45. Wathumela kubo iingcongconi, zabadla;Namasele, abatshabalalisa.
46. Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo,Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.
47. Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo,Nemithombe yabo ngomkhenkce.
48. Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo,Nemihlambi yabo ngemibane.
49. Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe,Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo,Ibutho lezithunywa zobubi.