1. Wubekeleni indlebe umyalelo wam, bantu bakowethu,Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam.
2. Ndiya kuwuvula umlomo wam ngomzekeliso;Ndiya kumpompozisa iintsonkotha zamandulo;
3. Esakuváyo sakwazi,Abasibaliseláyo oobawo.
4. Asiyi kukugusha koonyana babo;Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova,Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo.
5. Wamisa isingqiniso kwaYakobi,Wabeka umyalelo kwaSirayeli,Awawumisela oobawo,Ukuba bawazíse oonyana babo;
6. Ukuze síwazi isizukulwana esizayo, oonyana abaza kuzalwa,Basuke babalisele ababo oonyana;
7. Bayàme ngoThixo,Bangazilibali izenzo ezincamisayo zikaThixo,Bayilondoloze imithetho yakhe: