Iindumiso 77:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Iphelé yaphela na inceba yayo?Sígqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?

9. UThixo ukulibele na ukubabala?Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)

10. Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi;Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.

11. Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova;Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.

12. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho,Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.

13. Thixo, isebungcweleni indlela yakho;Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?

14. UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo;Wawazísa amandla akho ezizweni,

15. Wabakhulula ngengalo abantu bakho,Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)

Iindumiso 77