Iindumiso 77:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi;Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.

7. Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam,Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?

8. Iphelé yaphela na inceba yayo?Sígqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?

9. UThixo ukulibele na ukubabala?Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)

10. Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi;Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.

Iindumiso 77