10. Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi;Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.
11. Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova;Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.
12. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho,Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.
13. Thixo, isebungcweleni indlela yakho;Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?
14. UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo;Wawazísa amandla akho ezizweni,
15. Wabakhulula ngengalo abantu bakho,Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)
16. Akúbona amanzi, Thixo,Akúbona amanzi, azibhija-bhija,Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;
17. Amafu engqingqwa aphalaza amanzi,Isibhakabhaka savakalisa isandi;Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.
18. Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini,Imibane yalikhanyisa elimiweyo,Lagungqa lanyikima ihlabathi.
19. Yaba selwandle indlela yakho,Nomendo wakho waba semanzini amaninzi;Àwaziwa umkhondo wakho.
20. Wabakhokela njengezimvu abantu bakho,Ngesandla sooMoses noAron.