1. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala;Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.
2. Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam;Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba;Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.
3. Ndikhumbula uThixo, ndincwine;Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)
4. Ùzibambile iinkophe zamehlo am,Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.
5. Ndicinga ngemihla yamandulo,Iminyaka yasephakadeni;
6. Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi;Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.
7. Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam,Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?
8. Iphelé yaphela na inceba yayo?Sígqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?