1. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela;Lisondele igama lakho;Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.
2. Ngokuba ùthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo,Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.
3. Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo;Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)
4. Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa;Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;
5. Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu,Ningathethi ngokusa, nolùle intamo.
6. Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga,Nasentlango yeentaba.