Iindumiso 75:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela;Lisondele igama lakho;Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.

2. Ngokuba ùthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo,Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.

3. Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo;Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)

4. Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa;Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;

Iindumiso 75