9. Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu,Zikhothe uthuli iintshaba zakhe.
10. Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo;Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;
11. Baqubude kuye bonke ookumkani,Zimkhonze sonke iintlanga.
12. Ngokuba úya kulihlangula ihlwempu elizibikayo,Nabaziintsizana abangenaluncedo;
13. Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu;Asindise imiphefumlo yamahlwempu;