1. Thixo, mnike ukumkani imigwebo yakho,Mnike unyana wokumkani ubulungisa bakho.
2. Makagwebe ebantwini bakho ngobulungisa,Nakwabaziintsizana zakho ngokwesiko.
3. Iintaba mazibathwalele uxolo abantu,Kwaneenduli zibathwalele ebulungiseni.
4. Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini,Asindise oonyana bamahlwempu,Abatyumze abacudisi.
5. Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilangaKwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana.
6. Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo,Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni.
7. Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa,Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga.