Iindumiso 7:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Uzibhekisé kuye izixhobo zokufa,Uzenzé zanomlilo iintolo zakhe.

14. Yabona, yena unenimba yobutshinga;Ukhawulé ububi, wazala ubuxoki;

15. Umbé umhadi, wawugomba;Weyela esihogweni awasisebenzayo.

16. Ububi bakhe bobuyela entlokweni yakhe,Naselukakayini lwakhe kufike ukugonyamela kwakhe.

17. Ndiya kubulela kuYehova ngokobulungisa bakhe,Ndivume ngendumiso kwigama likaYehova ophezu konke.

Iindumiso 7