Iindumiso 69:21-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ukudla bándinika inyongo;Ekunxanweni kwam bándiseza iviniga.

22. Isithebe sabo phambi kwabo masibe ngumgibe;Sibe sisirhintyelo kwabanemasi.

23. Makabe mnyama amehlo abo, bangaboni,Usigxadazèlise isinqe sabo amaxesha onke.

24. Báphalazele ngobhavumo lwakho,Kubafikele ukuvutha komsindo wakho.

25. Ingqili yabo mayibe senkangala,Ezintenteni zabo kungahlali mntu;

26. Ngokuba bayamsukela obethwe nguwe,Bancokole ngomvandedwa wobahlabileyo wena.

27. Yongeza ubugwenxa ebugwenxeni babo,Bangàngeni ebulungiseni bakho.

28. Mabacinywe encwadini yobomi,Bangàbhalwa namalungisa.

29. Ke mna ndilusizana, ndinomvandedwa;Usindiso lwakho, Thixo, malundise engxondeni.

30. Ndiya kulidumisa igama likaThixo ngokuvuma,Ndilenze likhulu ngokubulela.

Iindumiso 69