Iindumiso 69:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa;Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho;Nokuthuthuzelwa, andakufumana.

21. Ukudla bándinika inyongo;Ekunxanweni kwam bándiseza iviniga.

22. Isithebe sabo phambi kwabo masibe ngumgibe;Sibe sisirhintyelo kwabanemasi.

23. Makabe mnyama amehlo abo, bangaboni,Usigxadazèlise isinqe sabo amaxesha onke.

Iindumiso 69