1. Ndísindise, Thixo;Ngokuba amanzi andifikele, ada eza emphefumlweni.
2. Nditshonile eludakeni olunzulu, akukho kuma;Ndingene emmbithini onamanzi, umsinga uyandintywilisela.
3. Ndidiniwe kukudanduluka; womile umqala wam;Aphelile amehlo am; mna ndilindele kuThixo.
4. Abandithiyayo ngelizé baninzi ngaphezu kweenwele zentloko yam;Baninzi abandibangisayo, abaziintshaba zam bexoka;Into endingayiphanganga bathi mandiyibuyise.
5. Thixo, wena uyakwazi ukumatha kwam;Namatyala am akanakugushwa kuwe.
6. Mabangadani ngam abakuthembayo, Nkosi yam, Yehova wemikhosi;Mabangangcikivwa ngam abakufunayo, Thixo kaSirayeli.
7. Ngokuba ndithwele ingcikivo ngenxa yakho;Ihlazo libugqubuthele ubuso bam;
8. Ndingowasemzini kubazalwana bam;Ndingowolunye uhlanga kubantwana bakama:
9. Ngokuba lindidlile ikhwele ngenxa yendlu yakho:Iingcikivo zabakungcikivayo ziwé phezu kwam.
10. Mna, umphefumlo wam walila, uzila ukudla;Oko kwaba yingcikivo kum.
11. Oko kwaba yingcikivo kum.Iingubo zam zaba zezirhwexayo,Ndaba yinto yokuzekelisa kubo.
12. Bathetha ngam abahleli esangweni;Ndiyingoma yamanxila.
13. Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo:Thixo, ngobuninzi benceba yakho,Ndíphendule ngenyaniso yosindiso lwakho.
14. Ndílangule eludakeni, ndingatshoni;Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi.
15. Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi;Ingandiginyi inzulu;Iqula malingandivingceli ngomlomo walo
16. Ndíphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho,Ngangobuninzi bemfesane yakho ndíbheke.
17. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule.
18. Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule;Ngenxa yeentshaba zam ndíkhulule.
19. Wena uyakwazi ukungcikivwa kwam, nokudaniswa kwam, nokuhlazwa kwam;Baphambi kwakho bonke abandibandezelayo.