Iindumiso 68:25-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Phambili ziimvumi, ngasemva ngababethi bohadi,Emacaleni ziintombi ezibetha iingqongqo.

26. Emabandleni bongani uThixo,INkosi, nina basemthonjeni wakwaSirayeli.

27. Balapho ooBhenjamin, inci yabo, umphathi wabo,Abathetheli bakwaYuda, ihlokondiba labo;Abathetheli bakwaZebhulon, abathetheli bakwaNafetali.

28. UThixo wakho wakuwisela umthetho wokuba uqine;Kuqinise, Thixo, oko usenzeleyo.

29. Bevela etempileni yakho eyongamele iYerusalem,Ookumkani mabeze nezithabathaba kuwe.

30. Khalimela amarhamncwa asengcongolweni,Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe,Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere.Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.

31. Kovela amanono eYiputa;UKushi wozolulela msinya izandla zakhe kuThixo.

32. Zikumkani zehlabathi, vumani kuThixo,Niyibethele uhadi iNkosi; (Phakamisani.)

33. Ekhwela ecanda emazulwini awo amazulu amandulo;Nanko elikhupha ilizwi lakhe, ilizwi elinamandla.

34. Mnikeni amandla uThixo;Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe;Asesibhakabhakeni amandla akhe.

35. UloThixo woyikekayo ezingcweleni zakho.UloThixo kaSirayeli, ubanikayo amandla nokomelela abantu.Makabongwe uThixo.

Iindumiso 68