Iindumiso 62:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Úthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam;Kuvela kuye ukusindiswa kwam.

2. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.

3. Kunini na nisuka indulumbane emntwini?Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?

4. Bagqibé kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele;Bakholene namanga;Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)

5. Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam,Ngokuba livela kuye ithemba lam.

6. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.

7. KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam;Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.

8. Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu;Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)

Iindumiso 62