1. Úthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam;Kuvela kuye ukusindiswa kwam.
2. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.
3. Kunini na nisuka indulumbane emntwini?Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?
4. Bagqibé kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele;Bakholene namanga;Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)
5. Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam,Ngokuba livela kuye ithemba lam.
6. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.