7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam;Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;UYehova umthandazo wam uyawamkela.
10. Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam;Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.