Iindumiso 6:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?

6. Ndidiniwe kukugcuma kwam;Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.

7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam;Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.

8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.

9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;UYehova umthandazo wam uyawamkela.

Iindumiso 6