3. Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu;Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4. Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam;NdÃsindise ngenxa yenceba yakho.
5. Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6. Ndidiniwe kukugcuma kwam;Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam;Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;UYehova umthandazo wam uyawamkela.
10. Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam;Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.