Iindumiso 59:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndíhlangule ezintshabeni zam, Thixo wam,Ndíse engxondeni kwabasukela phezulu kum.

2. Ndíhlangule kubasebenzi bobutshinga;Ndísindise ebantwini abanamagazi.

3. Ngokuba nâbo bewulalela umphefumlo wam;Baqukana ngam ábanamandla,Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.

4. Ndingenabugwenxa nje, bagidimé baxhoba.Vuka, undikhawulele, ubone.

5. Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli,Phapha, uzivelele zonke iintlanga;Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengábagqithi. (Phakamisani.)

6. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

7. Nâbo belephuza amagwebu ngomlomo;Ngamakrele emlonyeni wabo;Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8. Wena, Yehova, uyabahleka,Ùyazigculela zonke iintlanga.

9. Mandla am, ndiya kulindela kuwe;Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

Iindumiso 59