3. Abangendawo baphambukile kwasesizalweni;Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.
4. Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka,Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;
5. Ukuze lingaliva izwi labanyangi,Lababopha ngomabophe, beziingcibi.
6. Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo;Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.
7. Mabaphalale njengamanzi equkuqela;Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.
8. Mababe njengenkumba ehamba inyibilika,Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.
9. Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu,Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, úyayiqweqwedisa.
10. Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo;Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,
11. Athi umntu, Inene, ilungisa linesiqhamo;Inene, úkho uThixo ogwebayo ehlabathini.