Iindumiso 58:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo?Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?

2. Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha;Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.

3. Abangendawo baphambukile kwasesizalweni;Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.

4. Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka,Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;

5. Ukuze lingaliva izwi labanyangi,Lababopha ngomabophe, beziingcibi.

Iindumiso 58