Iindumiso 57:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Izimasekile intliziyo yam, Thixo, izimasekile intliziyo yam;Ndiya kuvuma, ndiya kubetha uhadi.

8. Vuka, luzuko lwam! Vukani, mrhubhe nohadi!Ndiya kusiphangela isifingo.

9. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Nkosi yam;Ndiya kukubethela uhadi phakathi kwezizwe.

10. Ngokuba inkulu, yada yaya ezulwini, inceba yakho;Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.

11. Ziphakamisele ngaphezu kwezulu, Thixo,Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.

Iindumiso 57