3. Úya kuthuma esemazulwini andisindise,Emngcikiva nje ondizondayo; (Phakamisani.)UThixo uya kuthuma inceba yakhe nenyaniso yakhe.
4. Umphefumlo wam uphakathi kweengonyama;Ndiya kulala phantsi nabafutha umlilo,Oonyana babantu abamazinyo aziintshuntshe neentolo,Ulwimi lwabo lulikrele elibukhali.
5. Ziphakamisele ngaphezu kwamazulu, Thixo,Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.
6. Isibatha basilungisele iinyawo zam;Bawugobile umphefumlo wam;Bándimbela isihogo,Beyela kuso ngokwabo. (Phakamisani.)
7. Izimasekile intliziyo yam, Thixo, izimasekile intliziyo yam;Ndiya kuvuma, ndiya kubetha uhadi.
8. Vuka, luzuko lwam! Vukani, mrhubhe nohadi!Ndiya kusiphangela isifingo.
9. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Nkosi yam;Ndiya kukubethela uhadi phakathi kwezizwe.
10. Ngokuba inkulu, yada yaya ezulwini, inceba yakho;Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.
11. Ziphakamisele ngaphezu kwezulu, Thixo,Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.