5. Ukoyika nokuthuthumela kundingene;Ndigutyungelwe kukududuzela.
6. Ndathi, Andaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kubaleka ndiye ndihlale!
7. Nanko ndibalekela kude,Ndilalise entlango. (Phakamisani.)
8. Bendiya kukhawuleza, ndisindeEmoyeni ovuthuzayo naseluqhwitheleni.
9. Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo;Ngokuba ndiboné ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.
10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11. Ukweyelisela kuphakathi kwawo;Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.
12. Ngokuba àsilutshaba olu lundingcikivayo;Bendiya kukuthwala oko.Àsingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum;Bendiya kusithela kuye.
13. Nguwe, mntu ubungumlingane wam,Ikholwane lam endazana nalo,
14. Ebesicweya kamnandi,Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.
15. Ukufa makubaqubule,Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile;Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.
16. Mna ndinqula uThixo;UYehova uya kundisindisa.
17. Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine;Úya kuliva izwi lam.
18. Úwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum,Ngokuba baninzi abandichasayo.