3. Ngenxa yelizwi lotshaba,Ngenxa yokuxinzelelwa phantsi ngabangendawo;Ngokuba zindiqengqela ubutshinga,Ziyandisukela ngomsindo.
4. Intliziyo yam iyazibhija-bhija phakathi kwam;Izothuso zokufa zindiwele.
5. Ukoyika nokuthuthumela kundingene;Ndigutyungelwe kukududuzela.
6. Ndathi, Andaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kubaleka ndiye ndihlale!
7. Nanko ndibalekela kude,Ndilalise entlango. (Phakamisani.)
8. Bendiya kukhawuleza, ndisindeEmoyeni ovuthuzayo naseluqhwitheleni.
9. Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo;Ngokuba ndiboné ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.
10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11. Ukweyelisela kuphakathi kwawo;Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.