10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11. Ukweyelisela kuphakathi kwawo;Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.
12. Ngokuba à silutshaba olu lundingcikivayo;Bendiya kukuthwala oko.Àsingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum;Bendiya kusithela kuye.
13. Nguwe, mntu ubungumlingane wam,Ikholwane lam endazana nalo,
14. Ebesicweya kamnandi,Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.
15. Ukufa makubaqubule,Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile;Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.