1. Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha?Inceba kaThixo ikho imihla yonke.
2. Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela,Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.
3. Ùthanda okubi kunokulungileyo;Ùbuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)
4. Ùthanda onke amazwi aginyayo,Lulwimindini lukhohlisayo.
5. Naye uThixo uya kukudiliza kuphele;Úya kukuxwila, akuncothule ententeni,Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)
6. Obona amalungisa, oyike,Amhleke, athi,