Iindumiso 51:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndíxovule kunene, busuke ubugwenxa bam,Undihlambulule esonweni sam.

3. Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam,Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.

4. Ndonile kuwe, kuwe wedwa,Ndênza okubi emehlweni akho;Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho,Ucace ekugwebeni kwakho.

5. Ùyabona, ndizalelwe ebugwenxeni,Ndakhawulwa nguma esonweni.

6. Ùyabona, ùfuna inyaniso ezintsweni,Ésitheni undazisa ubulumko.

7. Ndíhlambulule isono ngehisope,* ndihlambulùke;Ndíxovule, ndibe mhlophe kunekhephu;

8. Ndivise imihlali nemivuyo,Agcobe amathambo owacolileyo.

9. Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam,Ubucime bonke ubugwenxa bam.

10. Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo,Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.

Iindumiso 51