Iindumiso 50:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Úthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba,Abenzé umnqophiso nam ngombingelelo.

6. Izulu lixela ubulungisa bakhe,Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)

7. Yivani, bantu bam, ndithethe;Sirayeli, ndiqononondìse kuwe;NdinguThixo, uThixo wakho.

8. Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.

9. Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho,Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.

10. Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi,Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.

11. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,Nento edakasa endle inam.

12. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.

13. Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?

14. Bingelela kuYehova umbulelo,Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;

15. Ubìze mna ngemini yembandezelo,Ndikuhlangule, undizukise.

16. Ke kongendawo uthi uThixo,Ùseké phi na wena ukuxela ummiselo wam,Uwuphàthe ngomlomo wakho umnqophiso wam,

17. Úyithiyile nje intethiso wena,Uwaphosé nje amazwi am emva kwakho?

Iindumiso 50