4. Ubiza izulu phezulu,Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
5. Úthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba,Abenzé umnqophiso nam ngombingelelo.
6. Izulu lixela ubulungisa bakhe,Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
7. Yivani, bantu bam, ndithethe;Sirayeli, ndiqononondìse kuwe;NdinguThixo, uThixo wakho.
8. Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.