Iindumiso 49:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,Angasiboni isihogo.

10. Ngokuba ubona izilumko zibhubha,Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala,Bayishiye nabanye imfuyo yabo.

11. Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade.Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana;Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.

12. Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

13. Yiyo le indlela yabanyabileyo,Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)

Iindumiso 49