2. Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda,Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.
3. Umlomo wam uza kuthetha ubulumko;Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.
4. Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam,Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.
5. Ndoyikelani na emihleni yobubi,Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?
6. Abo bakholose ngemfuyo yabo,Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.
7. Akukho bani unokukhulula umzalwana;Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye
8. (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo,Masincanywe ngonaphakade),
9. Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,Angasiboni isihogo.
10. Ngokuba ubona izilumko zibhubha,Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala,Bayishiye nabanye imfuyo yabo.
11. Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade.Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana;Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.
12. Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.
13. Yiyo le indlela yabanyabileyo,Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)