4. Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo,Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
5. UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa;UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
6. Ziyaxokozela iintlanga, ziyashukuma izikumkani:Ukhupha izwi lakhe, linyibilike ihlabathi.
7. UYehova wemikhosi unathi,Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)
8. Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova:Owenze iziphanziso ehlabathini;
9. Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi;WaphĂșla isaphetha, angqumze umkhonto,Atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.
10. Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna.Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini.
11. UYehova wemikhosi unathi,Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)