3. Makagqume alephuze amanzi alo,Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)
4. Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo,Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
5. UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa;UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
6. Ziyaxokozela iintlanga, ziyashukuma izikumkani:Ukhupha izwi lakhe, linyibilike ihlabathi.