Iindumiso 46:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Makagqume alephuze amanzi alo,Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)

4. Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo,Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.

5. UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa;UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.

6. Ziyaxokozela iintlanga, ziyashukuma izikumkani:Ukhupha izwi lakhe, linyibilike ihlabathi.

Iindumiso 46