Iindumiso 45:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ziyimore* nehaloti* nekasiya* iingubo zakho zonke;Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.

9. Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho;Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho,Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.

10. Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;

11. Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.

12. Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.

13. Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.

14. Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,

15. Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.

Iindumiso 45