6. Itrone yakho, itrone kaThixo, ingunaphakade kanaphakade;Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
7. Ùthanda ubulungisa, uthiyé okungendawo;Ngenxa yoko úkuthambisile uThixo, uThixo wakho,Ngeoli yemihlali ngaphezu kwabalingane bakho.
8. Ziyimore* nehaloti* nekasiya* iingubo zakho zonke;Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.
9. Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho;Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho,Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.
10. Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;
11. Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.
12. Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.
13. Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.
14. Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,
15. Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.
16. Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho;Ùya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.