Iindumiso 45:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bhinqa ikrele lakho ethangéni, gorha,Bhinqa indili yakho nobungangamela bakho.

4. Tyhudisa, ukhwele uhambe, únobungangamela bakho,Ngenxa yenyaniso, nolulamo olunobulungisa.Sikuyale ngezinto ezoyikekayo isandla sakho sokunene.

5. Iintolo zakho zitsolile;Kuya kuwa izizwe phantsi kwakho; Zitsolile entliziyweni yeentshaba zokumkani.

6. Itrone yakho, itrone kaThixo, ingunaphakade kanaphakade;Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

7. Ùthanda ubulungisa, uthiyé okungendawo;Ngenxa yoko úkuthambisile uThixo, uThixo wakho,Ngeoli yemihlali ngaphezu kwabalingane bakho.

8. Ziyimore* nehaloti* nekasiya* iingubo zakho zonke;Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.

9. Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho;Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho,Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.

10. Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;

11. Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.

12. Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.

13. Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.

14. Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,

15. Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.

Iindumiso 45