Iindumiso 45:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.

13. Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.

14. Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,

15. Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.

16. Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho;Ùya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.

17. Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke;Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.

Iindumiso 45