1. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi,Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam.
2. Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo;Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?
3. Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku,Bakuthi kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?