6. Akunanzé mbingelelo namnikelo wakudla;Iindlebe zam uzivulile;Akubizi dini linyukayo nadini lasono.
7. Ndaza ndathi, Yabona,Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam.
8. Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile;Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.
9. Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu;Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam;Yehova, wena uyazi.
10. Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam;Ndákukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho;Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.
11. Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum;Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.
12. Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.
13. Ngamana, Yehova, wandihlangula;Yehova, wakhawuleza wandinceda!
14. Mabadane babe neentloni kupheleAbazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe;Mababuye muva bahlazekeÁbananzé ukuba ndihlelwe bububi.