12. Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.
13. Ngamana, Yehova, wandihlangula;Yehova, wakhawuleza wandinceda!
14. Mabadane babe neentloni kupheleAbazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe;Mababuye muva bahlazekeÁbananzé ukuba ndihlelwe bububi.
15. Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo laboAbathi kum, Tshotsho! Tshotsho!
16. Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo,Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi,Makenziwe mkhulu uYehova.